Ulonyulo luka 2024 nombutho – Labour Party – wenyunyoni i-AMCU (Association of Mineworkers and Construction Union)

UNobhala Jikelele
We-South African Federation of Trade Unions (SAFTU)
Ingqalelo: Isigqeba sekomit yelizwe, ikhomishini yopolitiko neyemibono, kwakunye
nekomiti yengqungquthela eqhubayo yabasebenzi
10 th April, 2024

Qabane Zwelinzima Vavi

Ngomhla we-16 March, 2024, uSaftu ubize intlanganiso eyandisiweyo yengqungquthela eqhubayo yasebenzi eza kuba ngomhla we-17 March, 2024. Sicacisile ukuba yimposiso ,lihlazo nokungcatsha abasebenzi ukuthi kungathethwa ngolonyulo olubalulekileyo ngakumbi ukusukela ngo-1994 nokusekwa kombutho – Labour Party – yi-Amcu.

Umbutho omanyeneyo wabahlali base Great Eldorado Park , Umfeladawo waba hlali base Kapok kwakunye Neqonga le EPWP yase Gauteng, bonke bekhona entlanganisweni, bacebisa ukuba inqgungquthela yabasebenzi inike i-Labour Party intlaso ngokuqapheleyo elonyulweni. Kwavunyelwana ukuba lomba udluliswe kwisiqgeba sika Saftu.

Kwingxoxo, ngowhatsapp, ngomhla we-19 March, 2024, noMbambeli Mongameli weSaftu, uqabane Maredi, akuzange kubekho nto icacayo. Enyanisweni, ubunkokheli buka Saftu burhoxile kwisiqgibo senkongolo sokuseka umbutho wabasebenzi. Oku ngunobangela wokuba bangathathi nxhaxheba kulonyulo luka 2024. Siphoxeke kakubi bubugwala bobunkokheli buka Saftu ngelixa utshaba – oongxowankulu – beququzelela ukuhlasela abasebenzi ngokuphandle, kolulonyulo.

Ukhankaso lolonyulo luka 2024 lubonakalisa ukwehlukana kwendidi zoluntu, nongquzulwano, oluzayo, phakathi kwazo

Kwimikhosi-ndidi yoluntu ezakuba injongene, ngongxowankulu kuphela ese belungiselele imikhosi yabo kolungquzulwano luzayo.

Kwelinye icala, oongxowankulu abakhulu benza ilinge elingazange lubonwe, lokulungiselela iziphumo zolonyulo – ubume nenqubo mthetho karhulumente emva kolonyulo. Iingcaphephe zongxowankulu kwakunye nobunkokheli be-ANC bakhe umanyano labo ngokubonakalayo. Baceba ukuqhubeka nohlaselo lokuhlukumeza  uluntu, ngoongxowankulu, olaqala ngogiya {Gear) ngo-1996 lwanwena emva kwengxubakaxaka zemali ehlabathini ngo-2008.

Oongxowankulu babhengeze incitho mali, esisiqingatha sebhiliyoni (billion) – enye eninzi ayibhengezwanga.

Indima yayo lembutho kukuxhasa i-ANC kubumbano lemibutho ngapahkathi, okanye, njenge -DA, ifake uxindezelo oluvela ngaphandle – kwizihlalo zemibutho ephikisayo.

Phakathi kwezindidi zinkulu ezingquzulanayo (oongxowankulu nabasebenzi) kukho imibutho, enemibono esemva, yoziswana zibomvana, ekhuthaza uqhekeko lomanyno labasebenzi, isebenzisa: ibala, ubuhlanga, ubuzwe neenkolo ezisemva kwakunye nokuhlasela abafazi namalungelo amafasini (LGBTI}.

I-MK Party nayo ngoku ixhasa eyona nzondo imbi (yokuchasa abantu abavela kwamanye amazwe} itshyefu echasene nabasenzi isasazwa yi-ActionSA ne-Patriotic Alliance.

Owona mbutho, owodwa, othe wavela uququzelwe kudidi labasebenzi yi-Amcu, yiLP (Laabour Pary). Ilinge lawo lokuthatha inxaxheba kulo nyulo oluzayo lubaxiwe yimithetho emitsha ye-IEC, eluhlaselo lamalungelo abasebenzi lokuvota, kuncedakale oongxowankulu ekuvoteni. Nakanye ukuba u-Saftu aphose ilizwi kulomba wamalungulo okuvota kwabasebenzi, nokuba anike i-LP inxaso kulengxaki yovoto.

Iimeko zokwakhiwa kombutho wabasebenzi ziyavuma.

Siya wahalalisa amayathelo athe u-Amcu wathatha ekusekeni i-Labour Party. Ukumema imibutho enenkqubela nenyunyoni, kufana nesenzo esenziwe ngu-Saftu kwinkomfa yakhe yokuqala. Sicela ukuba oku kulandelwe ngemfuneko nangopolitiko de kube sekupheleni.

1 USaftu uthe wafikelela ngokubanzi kubasebenzi ukuqalisa isigqibo sokwakha umbutho wabasebenzi. Inkomfa yokuqala kaSaftu iseke ikhomishini yopolitiko nemibono ethe yacebisa ukuba kubizwe, ngo-July 2018, umhlangano wabasebenzi. Umhlanagano lo wbasebenzi uthathe isigqibo sokuba kwakhiwe umbutho wabaebenzi phantsi kwenkqubo yobusoshiyali.

2. Kule ntlanganiso yabasebenzi kwakukho imibutho eyi-147. Kwintlanganiso ezilandelayo ezandisiweyo zabasebenzi elinana Labantu ababekhona laphindwa kabini.

3. U-AMCU, emva kokuthatha isigqibo kwinkongolo yakhe ekhethekileyo ngo July 2023 , ngokunjalo umeme, ngomhla we18 December, 2023, kwakhona nge 6 March, 2024, imibutho eqhubela phambii kwkunye neenyunyoni.

4. Kananjalo kwelinye icala, sino mfelandawonye, Saftu, onamalungu ayi-700 000, othe waqinisekisa kwakhona isigqibo senkomfa yokusekwa kwayo ngo-2017, ukuba kusekwe umbutho wabasebenzi kwinkongolo yesibini ngo-2022.

5. Futhi kwelinye icala, kukho amalungu ayi-250 000 ka -Amcu, ongeyiyo inxenye yomfelandawo, othathe isigqibo esifanayo kwinkomfa ekhethekileyo ngo-2023. U-Saftu no-Amcu behlangene banokuba namalungu afikelele kwisigidi, ekungathi xa ehlangene akhe umbutho wabaebenzi. Akukho nomye umbutho kolulonyulo luzayo ongathi ugunyaziswa ngamalungu amaninzi kangaka.

6. U-Saftu nentlangano yekomiti eqhubekayo bekufanele ukuba bafikelele ku-Amcu ne-LP kuhlanganiswe amandla.

Umbutho omanyanisa abasebenzi awakhiwa nje ngenxa yesimo ekukuso. Kodwa kungendlela abasebenzi abaqonda ngayo ukusukela kulahlwe umqulu wenkululeko nenqubo yokwakhela uluntu (RDP) nokunyanzeliswa kwe giye (Gear) ngo-1996. Ingxelo ka Cosatu, eyayivavanya izimvo zopolitiko zamalungu, yakungqina oku. Yanikwa u Moeletsi Mbeki ngo 2010, kodwa yaziswa, emva kokulibaziseka, ngo-2013, kwafumaniseka ukuba i-67% yamalungu ka-Cosatu (ukusuka kwi-30% ngo-1998), yayifuna umbutho wabasebenzi ozakuphikisana ne ANC. Lengxelo yakhutshwa phambi kokubulawa kwabasenzi eMarikana.

Oku kungqubana phakathi kobunxantathu kuphinde kwatshisa. Kwinkongolo ka-Cosatu, ngenyanga ka Sephuthemba,2022, eyayitshukunyiswe bubusela bemali yabasenzi bakarhulumente ngo-2020. Iinyunyoni ezinamalungu ayi-600 000, kumalungu ayi-1.6 esigidi, zathatha isiqgibo sokuba u-Cosatu ahlukane ne-ANC. Nokuba ubudlova obucetywayo bokuhlasela abasebenzi bakarhuljmente bungaludiliza umanyano lobunxantathu.

Zonke ezinkqubela-phambili zibonakalisa ukuba abasebenzi abakinyunyoni bathambekela kumanyano lopolitiko bevela kumacala ahlukeneyo ku-Amcu, Nomsa no Saftu, beqhutywa yimfuneko yomanyano labasebenzi. Iinkokheli zika Amcu nezika Saftu ngabameli bomanyano lopolitiko labasebenzi.

Akukho mfuneko yokuba iinkokheli zika Saftu zikhunjuzwe ukuba ezinkqubela-phambili – – enyanisweni uzalo luka Saftu uqobo – zizelwe yintshukumo yogwayimbo ekhaliphileyo labasebenzi bemigodi ngo2012. Sibulela kwigazi, elaphalalayo, labasebenzi base Marikana kuba namhla umba wombutho wabasebenzi ukwisincwangciso sentshukumo yabasebenzi abakwinyunyoni. Benza idini ngobomi babo khona ukuze kukhululeke abasebenzi kwintilongo yobunxantathu obukhokelwe yi-ANC engumbutho wobungxowankulu.

Abasebenzi baya hlaselwa

Ubunkokheli buka Saftu bubonakala ngokungathi bukhubazekile ngelixa urhulumente we-ANC, ngokuhlelekileyo, esohlutha amalungelo abasebenzi. Ilungelo lokugwayimba lenzakaliswe yimithetho enyanzelisa ulonyulo olufihlakeleyo neyokuthintela uqhankqalazo, oku kuchaza isimo sokungcatsha abasebenzi.

Okunzulu, intshukumo yabasebenzi ithe yahlaselwa ngokukhulu kwimpikiswano yemirholo phakathi kwabasebenzi bakarhulumente norhulumentye, kwisithuba 2018-2020, oku kwenzeka ngelixesha lorhulumente wesininzi. Inkundl’enkulu yomgaqo siseko ithe yenza bufaneleke ubusela bemirholo yabasebenzi ngurhulument ngo-2020.

Oku kuqinisekisa ukuba eli lisebe lomthetho lotshaba lwethu, Inkundl’enkulu yakhupha esona sigwebo esingenabulingisa esichasene nabasebenzi ukusukela oko kwaphela umbuso wocalulo ngebala.

Inkundl’enkulu ithe yabhebgeza ukuba kungokwa semthethweni ukuba urhulumente ohluthe ilungelo kwicandelo lika rhulumente lengxoxo zemirholo. Oku kuthetha ukuthi ukugwayimbela esisigwebo kuya kuba ngaphandle komthetho-siseko. Isiphumo soku kukungqubana nelungelo lokugwayimba-isiseko sokuphumelela komzbalazo.

I-4.7%, engaphantsi komyingo ntenngo-mali, urhulumente ayinike abasebenzi bakarhulumente ayisinguwo umnikelo. Ilunyanzeliso lokwehlisa imirholo yabasebenzi. Isimo sinjalo ngoku. Akukho luthethwano ngemirholo yabasebenzi bakarhulument, igqitywa ngurhulumente egobise idolo koongxowankulu.

Ukuzimisela kuka umphathiswa wezemali, uMnu Godongwana, ukuba kubekho ingeniso kwezemali kungenzeka kuphela xa enciphisa ngobukrwada incitho-mali. Inkaba yalempambano yokungafuni ukuchitha imali yimirholo yabasebenzi bakarhulumente, oongxowankulu berhayiza besithi ma inchithwe.

Ekhuthazwa ngongxowankulu, ungcothoza worhulumente we ANC, ubundlongondlongo benkundla ephezulu yomgaqo-siseko nobuthathaka beenyunyoni, umbutho, i-DA, uqhubeleka phambili.Ithe epalamente yayila umthetho ozakuthi unciphise imirholo kwinkqubo yokubhatala imali-tyala yelizwe. Ukuhlasela okuqhibileyo udidi labasebenzi, isebe likarhulumente lezemali nalo linamacebo okufezekisa, ngokufanayo, ukukhusela imali-ngeniso. Isebe lolawulo-mali libhengeze ukuba umgangatho wezemali uzakuhlala uphezulu ixesha elide – oku liculo eliphindaphindwayo zibhanki zolawulo-mali ehlabathini. Oongxowankulu baqhoqa umlo phaya entlanganweni yemirholo, ngokusoloko besenza amalinge okungavumi ukuba imibutho engasingomalungu kulomhlangano ingathathi nxhaxheba.

Abantu abasebenzayo banjongene nohlaselo kumacala onke: ubusela obundlongondlongo, ukunikwa oongxowankulu u-Eskom no-Transnet, ukunyuka kwamazxabiso-ntengo, izinga lobudlova elinkwantisayo lokuhlukumeza abomthinjana, ukunyuka kobundlobongela,, nokutshabalalisa isimo sendalo.

Akuzange kube yimfuneko engaka ukuwakhiwa kombutho wabasebenzi ngokukhawulezayo

Ulonyulo lepalamente yobungxowankulu bungaba kwizinga eliphantsi lomzabalazo wobudidi, kodwa kunjalo, lisisimo sengxabano phakathi kwendidi. Udidi longxowankulu, urhulumente wabo namaziko olawulo abo axhobile. Nje ngokuba umbuso wabo ugcuma yintlungu yokufa, nomthwalo – kayeka zathelela – (neo-liberal) -weminyaka eyi-16, wokuhlasela abasebenzi, ma uthwalwe ngabantu abasebenzayo.

Ithuba lokuba abasebenzi babange kwakhona ukuzimela ngopolitiko nangemibono likhulu ngokugqithisileyo. Kwakhona ingxamiseke ngakumbi. Eli akuloxesha lokuzintyuntya ‘ngokufuna ukulingana ngepolitika ezingena siphene’ kwisimo sopolitko nemibono. Nje ngababelekisi bombutho wabasebenzi, iinkokheli zika Amcu nezika Saftu mazingavavanyi okanye zibheke amehlo ezinye njengoko zonke zinobuthuku emehlweni.

Ukuba iinkokheli zika Amcu zinyanisekile ngokuthi i-LP ma ingathathwa ngokuba ngumbutho wenyunyoni, kuza kucaca oko ekwenzeni. Ukungasamkeli isimemo sayo kuyo yonke imibutho eqhubeleka phambili nenyunyoni ukuba zihlanganise imikhosi yazo, kuya kuba kukwahlukahlukanisa ngokucacileyo. De kube ubunkokheli buka Amcu/LP bubonakalisa enye indlela, ma buxhaswe ngokungathandabuzekiyo.
Nayiphi na iyantlukwantlukwano izakulungiswa ngokuhlanganisa imizabalazo ukulwa nohlaselo oluzayo luka rhulumente noongxowankulu.

Akukhathaliseki nokuba isiphumo setyala lokuba u-LP ithathe, inkxaxheba kulonyulo sithini, simemeza ubunkokheli buka Saftu ukuba, ngokukhawuleza buhlanganise intlanganiso ye-PIC, Steering Commmittee ne-NEC kuvunyelwane ukuba kube nentlaniso nenkokheli zika Amcu/LP. Oku kufuneka kulandelwe zintlanganiso zobumbano emaPhondweni, ezizakuthi zilandelwe yintlanganiso yelizwe yabasebanzi yokusekwa kombutho wodidi labasebenzi.

Ebuqabaneni

Weizmann Hamilton

Egameni le: GEPUC, KARA nele GAUTENG EPWP Forum