
Manyanani Ngokunqamlezayo iiManyano!
Bandakanyani neMiphakathi yasekuhlaleni!
Iziganeko zale veki iphelileyo zizise icandelo likarhulumente kumda wesitrayiki ekudala silindelwe. Abasebenzi kufuneka balixhakamfule ithuba lokutshintsha ngokugqibeleleyo ulungelelwaniso lwamandla kuluntu lube ngecala labo.
Urhulumente weANC uqhubeke wakwenza nzulu ukuhlaselwa kwabasebenzi kuhlahlo lwabiwo-mali lwale veki. Uhlaselo lwemivuzo yabasebenzi becandelo likarhulumente luza kuqhubeka. Kumboniso omtsha wokuzigwagwisa nokujongela phantsi intshukumo yabasebenzi,“isibonelelo” se-3% kubasebenzi bakarhulumente “sibhalwe ngepensile” kuhlahlo lwabiwo-mali oluncinci nangaphambi kokuba kuqukunjelwe uthethwano nangona uninzi lwemibutho yabasebenzi sele yalayo. Nditsho nezona nkokheli zinenkani zeemanyano zabasebenzi azinakuphika ukuba uhlaselo olunengqiqo nolucwangcisiweyo kwiingxoxo ezidityanelweyo luyaqhubeka.
Kwakunye nokucuthwa kemivuzo yabasebenzi becandelo likarhulumente abatsala nzima uhlahlo lwabiwo-mali lwemfundo esisiseko kwehliswe nge-R11.4 yeebhiliyoni, ezempilo nge-R6.9 bhiliyoni neenkqubo zengqesho nge-R10 yeebhiliyoni. Isibonelelo sikarhulumente se-SRD esingama-R350 solulelwe unyaka omnye kuphela. Uluntu esele luthwaxwa zizikolo ezingafumani nkxaso-mali yaneleyo, ukuwohloka kweenkonzo zempilo nenkitha yabantu abangenamisebenzi, baza kujongana nemeko embi kakhulu kwiinyanga nakwiminyaka ezayo. Imali ebiweyo kubasebenzi noluntu iya kugqithiselwa kwizityebi, ngezimali zabatyali-mali, neebhanki ngokuhlawulwa kwenzala kumatyala karhulumente. Ezi ntlawulo ziza kuba yi-R192 yeebhiliyoni ngonyaka kwiminyaka elishumi ezayo.
Nangona kunjalo, kwezi ntsuku zizayo abasebenzi banethuba lokutshintsha ulungelelwaniso lwamandla kuluntu ngokugqibeleleyo bezilungiselela bona ngokwabo. NgoMvulo nangoLwesibini (i-31 ka-Oktobha nowoku-1 ku-Novemba) inkqubo yokugqibela “yoxolelwaniso” iya kuqhubeka phakathi kukarhulumente nabasebenzi bakarhulumente kwiBhunga loThethathethwano loLungelelaniso lweNkonzo kaRhulumente (i-PSCBC). Ngokusekwe kwimiba ekhoyo ngoku yorhulumente neemanyano zabasebenzi kubonakala ngathi ukuvalwa kothethwano kusenokwenzeka, okuya kuvula indlela yestrayiki esisemthethweni secandelo likarhulumente. Okusemngciphekweni ayingomba wemivuzo kuphela kodwa kukukhusela iingxoxo ezihlangeneyo ngokwazo.
Urhulumente weANC ubambene ngezigalo ezine kwimivuzo yabasebenzi becandelo likarhulumente. Ubhengeze injongo yakhe yokunciphisa imivuzo yecandelo likarhulumente nge-R160 yeebhiliyoni kuhlahlo lwabiwo-mali luka-2020. Ukuza kuthi ga ngoku, isenzo sokuqala sibone ukucinywa kwecala lokugqibela lesivumelwano semivuzo sowama-2018. Olu hlaselo, alupheleli emivuzweni kuphela, kodwa luthe lwavunywa, longeza kwizixhobo zomthetho ezintsha ezenziweyo ngolungiso oluchasene nogwayimbo kuMthetho woBudlelwane bezaBasebenzi owamkelwa ngowama-2015. Ngokungaphephekiyo, oku kukhokelela ekuweni kwezivumelwano zemivuzo yeminyaka-emininzi kwicandelo likarhulumente. Isenzo sesibini sabona umvuzo ongaphantsi kokunyuka kwamxabiso ngo-2021/22.
Ubunkokeli obunobuqhophololo
Ukuza kuthi ga kweli nqanaba urhulumente ebencediswa sisininzi seenkokeli zemibutho yabasebenzi bakarhulumente, ingakumbi ezo zikumanyano lwe-Fedusa nolwe-Cosatu. Baye bathintela ngokuqiqileyo ukuba umsindo wabasebenzi ungaguqukeli ekwenzeni istrayiki.
Nangona kunjalo, isenzo sesithathu sothethathethwano ngemivuzo ka-2022/23 sifikelela kungquzulwano lwaso lokugqibela, umsindo wabasebenzi ufikelele kwinqanaba elibilayo. Akukho nto iveze oku ngokucacileyo njengokugxothwa kukaMongameli Ramaphosa kumsitho we-Cosatu May Day ekuqaleni konyaka, nokwala kwabathunywa ukuba bamvumele usihlalo weANC uMantashe ukuba athethe nabo kwinkongolo kaCosatu ngoSeptemba, ngeekhwelo zokuba umanyano lurhoxise inkxaso yezopolitiko kwiANC, okuzifumane kungena kwiajenda okokuqala ukususela ngo-1994.
Isininzi sama-60% sabazinikezeleyo kwi-PSCBC evumele ukuthotywa kwemivuzo yalo nyaka uphelileyo ukuba ityhalelwe phambili inokuthi inyamalale phantsi koxinzelelo lwabasebenzi. Umbutho wabongikazi kuCosatu, iDenosa, nethe yaxhasa ukunyanzeliswa kwabasebenzi kunyaka ophelileyo, ngokuhambelana neNehawu nePopcru, sele isikhabile “isithembiso” salo nyaka se-3%. Ukusabela kwisoyikiso sikarhulumente sokunyanzelisa u-3% ngokuzimeleyo ngoku kuhlahlo lwabiwo-mali oluncinci, zonke iimanyano zeCosatu zibuyele kwisinyanzelo sazo sokuqala se-10%, esenza la macala mabini ahluke kakhulu. Ngokunjalo nePSA yeFedusa, ubunkokeli bayo obuyeyona imbi kakhulu, sele ikhuphe isaziso sentsuku ezisixhenxe sestrayiki. Neenkokeli zemibutho yootishala, ebezikhokele i-Sadtu kwi-Cosatu, zavakalisa injongo zazo zokwamkela u-3%, zinganyanzelwa ukuba zirhoxe ngenxa yokunyuka kukarhulumente weANC kuhlahlo lwabiwo-mali oluncinci.
Lungiselela
Ukulungiselela istrayiki esibonakala ngoku siqinisekile, i-Nupsaw yeSaftu ikhuphe ingxelo isithi: “u-Nupsaw kunye neminye imibutho yabasebenzi bavumile ukuseka iqela lobugcisa emve komhla woku-1 kuNovemba. Iqela liya kunikwa umsebenzi wokuphuhlisa inkqubo edibeneyo yokusebenza – oku kukhokelela kuqhankqalazo olupheleleyo, nje ukuba zonke iimanyano zabasebenzi zale u-3% ziyiqukumbele inkqubo yazo yokusombulula ingxabano.” Oku kubonisa indlela ecacileyo eya phambili kwaye ngokubalulekileyo, kubeka ngaphambili umsebenzi womanyano kwimibutho yonke kunye nocwangciso oludibeneyo kunye nolungelelwaniso.
Nangona kunjalo, abasebenzi abaninzi ngamalungu eeyunyoni ezineenkokeli ezicinga ngoqhankqalazo nje ngokuthandabuza, kwaye ukuba istrayiki siyaqhubeka, bayakufuna ukusirhoxisa ngokukhawuleza kangangoko kungenzekayo ngowona mnyinyiva owake wamncinane karhulumente. Uluvo “lweqela lobuchwephesha” likazwelonke lokuququzelela ugwayimbo kufuneka liphindwe kwinqanaba lengingqi ekuyilweni kweekomiti zolungiselelo loqhankqalazo oludibeneyo, okanye, ukuba kufanelekile, iintlanganiso ezidityanelweyo zabahlali baloo mibutho, okanye kwanamacandelo ephondo. Le yindlela yokumanyanisa abasebenzi becandelo likarhulumente nemibutho yonke ekhoyo. Zonke izigqibo malunga nokuziphatha kogwayimbo kunye nokuba yeyiphi na imiqathango ekufuneka lupheliswe ngayo mazixhomekeke kumndilili weyunyoni.
Isicwangciso-qhinga sokuhlanganisa ngaphaya kwamanqanaba emibutho yabasebenzi siyafuneka. Abasebenzi becandelo likarhulumente kufuneka bafikelele kwimibutho yasekuhlaleni becela umanyano ngokwesiseko sokuba ugwayimbo lwemivuzo yecandelo likarhulumente kwangaxeshanye luqhankqalazo lokukhusela iinkonzo zoluntu, ezi luxhomekeke kuzo. Oku kufuneka kubandakanye iphulo lokuthumela abameli beeyunyoni kunye namatsha ntliziyo angabasebenzi kwiintlanganiso zoluntu ukuze acacise le miba. Iikomiti zoqhankqalazo ezisanda kuyilwa kunye nabahlali basekuhlaleni abamanyeneyo baza kukwazi ukufikelela kubasebenzi kwicandelo labucala, uluntu nolutsha kwaye babatsalele kwiphulo lwntshukumo enkulu ebandakanya iklasi yonke.